Umcimbi wemipu uthande ukuxaka. Ndiyafuna ukuthi bakhona abantu abasemagunyeni aba bandakanyekayo kwinto yemipu ekwizandla zemigewu. Ndiyafuna ukuthi kufuneka kuqalwe iphulo lokuhlaziya iinkonzo zamapolisa oMzantsi Afrika kunye naku mkhosi weli. Zininzi izaphuselane ezibandakanyekayo. Wakha wayiva phi into yokuba kukhuthuzwe isikhululo samapolisa? Lonto ithetha ukuba njengabemi beli lizwe asikhuselekanga kwaphela.




