Isisu somhambi asingakanani singaphambili.
Eli qhalo lisetyenziwa ukunqanda okanye ukukhalima abantu abagxotha abahambi emizini yabo. KwaXhosa iindwendwe ziyabukwa, kwaye zibizwa nokuba sele zihamba ngendlela ukuba zingene zifumane into esiwa phantsi kwempumlo.
Ukanti ngenxa yokuhamba kwamaxesha izinto ezininzi ziyatshintsha, ntoleyo ibangela ukuba nathi sitshintshe indlela yokwenza izinto.
Izinga elixhomileyo lendlela yokuphila yenye yezinto ebangela ukuba eli qhalo lingabinantsingiselo namhlanje.
Kwimihla esiphila kuyo kubanzima nokuphaka xa kukho iindwendwe ngoba yonke into ixhomile. Noxa kunjalo uninzi lwethu lusadla ngendebe endala. Abantu basenenkolelo yokuba akumelanga babhungise xa besiza emzini wakho, ngapha koko balindele izibele, kuthi xa bengazifumani okanye bengazifumananga bamise ngawe nendlela ovimba okanye osokola ngayo.
Inyaniso engangxengwangwa yeyokuba amaxesha ngamanye.
Izinga lamaxabiso ezinto lixhome kakhulu, logama imivuzo isezantsi kakhulu. Isenti nganye inendima yayo.
Lento ifana nqwa nale yabantu abaya ezicini bengamenywanga. Zikhona izici okanye amatheko apho kuye kufuneke ukuba ubani avume okanye azibophelele ekubeni uzakusizimasa, ingakumbi xa umsebenzi usenzelwa ngasese.
Ezi nyanga zimbalwa zilandelayo lixesha likaxakeka. Uninzi lwethu lilungiselela iziyunguma zokuphela konyaka. Le yeminye yemingeni esizakuqubisana nayo, apho kuza kufuneka simeme abantu kumatheko ethu. Ukuba ufumana isimemo, qhakamshelana nomntu obhaliweyo uvume ukuba uyeza okanye awuzi. Uninzi lwethu lunento ethi ‘hayi suka andizungayi kubani’ ngaphandle kokwazisa abaququzeleli. Mzontsundu, xa kusithiwa qhakamshelana nabaququzeleli ukuze ufakwe eluhlwini lwabantu abezayo, makhe siziqhelise ukwenza njalo. Kwaye xa umenywe wedwa okanye neqabane lakho, musa ukuza nomhlambi. Imicimbi yangasese ixhome kakhulu ngokwamaxabiso, kwaye ngesitulo ngasinye abaququzeleli bahlawula imali. Ithi ke lonto ibeziindleko xa uthe uyeza, ugqibe ungezi. Iphinde ibeyingxaki xa ufika uhamba nomhlambi logama kulindelwe ukuba uze wedwa. Makhe sizithande senze izinto ngendlela, indeb’ endala iyasichana ngamanye amaxesha. Isisu somhambi sizindleko kwitheko okanye umsebenzi wabucala. Isenti nganye iyabala.

