Ubomi abusayi kubanje ngakuqala kubafundi besikolo samabanga aphantsi iLinge, eNyanga, emva kokuba bathe bafumana izihlalngu kunye neekawusi ezitsha kumbutho iKasi Angels ngoLwesine umhla wesithandathu kweyoMsintsi.
Lo msitho ubuququzelwe ngokubambisana nebhanka yophuhliso yoMzantsi Afrika (Development Bank of South Africa).
Zingama 50 izihlangu kunye neekawusi othe wanikela ngazo lo mbutho ukuzama ukutshintsha iimpilo zabafundi.
Lo msitho ubuhanjelwe ngomnye wosaziwayo nokwangumdlali weqonga kumabonakude uDumsani Mbebe.
Umseki wombutho iKasi Angels uGcobani Nomlala uchaze iphulo lakhe nanje ngendlela azama ngayo ukunikela okanye ukuphuhlisa ekuhlaleni. Ubalule umbutho wakhe njengozimeleyo nonjongo yawo ikukuncedisana nabahlali nabakwingingqi ezitsala nzima.
Uthe kuyamvuyisa ukuba yinxalenye yotshintsho kwesikolo nanje ngoko amanye amabanga wakhe aphantsi wawafunda kwesisikolo. “Kuluvuyo kum ukuba ndizonikela ngezihlangu kunye neekawusi kubantwana abangathathintweni kwesi sikolo nanje ngoko nam amanye wamabanga wam aphantsi ndawafunda apha uquka u-Sub B kunye nebanga lokuqala. Injongo yam kukuzama ukukhuthaza abantwana abancinci ukuba baqhubeke baqine ezifundweni zabo,” uthethe watsho uNomlala.
Woleke ngelithi lo msitho yinxalenye yephulo lakhe lalonyaka, nalapho azimisele ukuphisa ngesigidi sezihlangu.
Uthe uhamba kwizwe lonke eqhuba eli phulo. “Sityelela onke amaphondo akweli sihamba siphisa ngezihlangu ezikolweni,” ucacise watsho uNomlala.
U-Mbebe uthe kubalulekile ukuba abantwana besikolo babenayo impahla yesikolo ukuze bangahleleleki. “Bazakutsho bayeke ukunxiba izihlangu ezikrazukileyo esikolweni, nento eyenza abanye babo bahlekwe kwangabanye abantwana,” utshilo.
Umphathi wesikolo Xoliswa Gongota ubulele ngokungazenzisiyo kumbutho iKasi Angels kunye DBSA, watsho esithi ezizihlangu neekawusi zizakuwenza umahluko ebantwaneni. “Singotishala besikolo siyavuya kakhulu kwaye siyakholelwa ukuba abafundi bazakuzimisela ngoku nasezifundweni zabo. Bazakutsho bafaneleke nabo bafane nabanye abantwana,”uthethe watsho uGongota.
Umfundi uMicalla Jafta (10) nofunda ibanga lesibini nobengawuvali umlomi yimincili uthembise ukuba izihlangu zakhe uzakuzigcina zicocekile.





