Zibuyele esiqhelweni izinto kwisikolo samabanga aphantsi iLiwa, eNyanga, emva kokuba ootitshala kunye nabazali bethe bavala amasango bathintela abafundi ukuba bangene kumagumbi okufundela ngeliqhankqalazela into echazwe njenge mpathombi nokungalawulwa kwesikolo ngendlela.
NgoLwesibini umhla wokuqala kweye Dwarha (October), iqela labazali kunye nootitshala abalugcwabevu ngumsindo bathe babamba uqhankqalazo kwesi sikolo ngelithi bafuna utshintsho.
Phakathi kokunye batyhola inqununu yesikolo ngempatho egwenxa. Ezinye izityholo ziquka ulawulo olungekho semgangathweni nokungaphathwa kakuhle kootitshala.
Ephawula ngokwenzeka kwesi sikolo, nokuthe kwakhokelela kule ngxubakaxaka, omnye wootitshala ubalule izinto eziliqela kuquka ukungabikho kwezixhobo zokufundisa kunye nokuqeqesha abafundi.
Uyichaze le meko njengeneminyaka emine yonke iqhubeka, logama etyhole abasemagunyeni ephondweni ngokusonga izandla.
“Kuse bugxwayibeni nje apha esikolweni, kwaye le meko iya ngokubambi. Akukho zixhobo zokusebenza. Asinazincwadi zokusebenza, kufuneka abantwana babelane ngeencwadi. Nathi njengootitshala, ukuba ufuna ukufundisa abantwana isiXhosa umzekelo, kufuneka ulinde omnye utitshala aqhibe. Asikwazi ukuba neeklasi ezimbini zesiXhosa ngexesha elinye ngenxa yokunqongophala kweencwadi. Akukho kwazintlanganiso zokucwangcisa izinto zesikolo. Akukho nto nje ibhadlileyo eyenzekayo apha esikolweni,” utshilo lo titshala.
Unobhala wesigqeba esilawula ukusebenza kwesikolo uNandi Jim ubalule ugrogriso nempathombi yootitshala njengento exhalabisayo. “Kudala sikhala ngezimeko. Singabazali sixhalabile ngokuba akukho nto yenzekayo. Asikwazi ukuphendula kwizikhalo zabo. Kufuneka inqununu iziphakamele yenze into ngazo,” utshilo uJim.
Uchaze isimo kwesi sikolo njengesingaginyisi mathe. “Ndihamba apho yonke imihla, ndiyazibona izinto ezinintsi ezenzekayo,” uqhube watsho uJim.
Ubalule isigqibo zokumisa ukufunda nokufundisa njengesithathwe ngabazali kunye nootitshala. “Eyona nto siyifunayo kukuba idepartment ize apha esikolweni, ize kusombulula lemingeni sijamelene nayo. Into yokuza nokungezi kwabantwana esikolweni ayenzi mahluko ngoba akukhonto bayifundayo kakade,” utshilo.
Isithethi seSebe lezeMfundo ephondweni uMillicent Merton uyibethe ngoyaba le nyewe, noxa kunjalo walitsolisa elokuba kukho intlanganiso ecetyiwe phakathi kwabazali ne sebe ngempelaveki.
Kwintetho yengesi eguqulelwe esiXhoseni, uMerton utyhole ngelithi liqaqobana labazali elithe lavala amasango kwesi sikolo, lathintela abafundi ukuba bangangeni. Wangeze ngelithi umhloli wengingqi utyelele esi sikolo ngelokusombulula lo mbandela, kodwa wabuya nesisila sehobe. “Intlanganiso yabazali icwangciselwe impelaveki,” utshilo.





