Ngxe mzontsundu. Namhlanje ndithi mandithethe nje ngento encinci, kwaye ndifuna uyibeka ngesintu.

Eneneni ngokuye amaxesha ehamba nezinto ziya ziguquka.Ndifuna ukukhe ndithi gqabagqaba nje into encinci malunga nabafana batsha, abaneminyaka engaphantsi kwemihlanu bengamadoda.

Siyayazi mandulo kwakukade kusoluka ooxholovane, amakhwenkwe amakhulu, izinto ezazisitya umthuma zithi yipesika.

Kodwa kule mihla umoshe nje ukudibanisa ishumi elinesibhozo leminyaka sithi ‘hek Freyistadi’ siyamolusa. Kuye kubenzima kakhulu ngoba inkoliso yabantwana bangoku abakhulelanga ezilalini.

Yithi ke umntu sele engumfana kufuneke ukuba enze izinto ezenziwayo ngabantu abangootata. Iba ngumbono ombi xa abafana kusithiwa mabacande kuba kulungiselelwa umsebenzi, ubone ukuba kwabanye kunzima nokubamba izembe eli. Andithethi ngesarha, kunzima mpela.

Ibalulekile into yokuba simane sisithi gqolo ukusa abantwana ezilalini ngexesha leholide ukwenzela ukuba bakwazi ukufunda kwaye bamelane nezinto ezenziwa emakhaya.

Lihlazo into yokuba umntu athi emdala, eyindoda, oyike inkomo. Andithethi ke xa kufuneka ibanjiwe izakuxhelwa, ibengu qhusaaa ebuhlanti ngoba bayayoyika. Ithi sele iwile xa kufuneka ihlinziwe ufike umntu engenaso nesitshetshe sakwambala. Ushiyeke uzibuza kanti lo mntu ebezokwenzani emcimbini xa kanti akanasitshetshe. Abe ezazi ukuba kufuneka exhelile.

Andithethi ngokomba umngxunya xa kulungiselelwa umngcwabo ufike umfana wonke kunzima nokukhupha umhlaba emngxunyeni okanye ukubetha ipeki.

Inye nje into abayiqaphelayo yimbhodlela. Hayi ke batsho kubemhlophe phandle. Abafana bangoku bayaxhalabisa akululanga ukubathemba. Ewe, likhona iqaqobana labafana elikwaziyo ukusebenza nekubonakala ukuba bayawuqonda umcimbi. Ude ngamanye amaxesha ubasizele ngoba kaloku oogxa babo bawuphosa kubo wonke umsebenzi.

Singabazali kubalulekile ukuba sibakhuthaze abantwana ukuba baye ezilaleni ukuze bazokuqhelana noba bomi.

Eneneni siyawadinga amadoda ayimizekelo ekuhlaleni nakwaziyo ukujongana nokuhlala. Into endiyibonayo sesiphila isimanjemanje ngoku, umntu ugade ubomi bakhe nosapho lwakhe akanaxesha lomnye umntu.

Andithi abantu mabangahambelani notshintsho, kodwa endikutshoyo kubuhlungu ukubona umntu etsala nzima ngenxa yokungabinalwazi lokwenza izinto nje ezilula.

Siyindlu emnyama singabantu bamasiko nezithethe. Ingaba abanyana bethu bazakukwazi njani ukukhokhela imicimbi xa benje?

Ndinoloyiko ngoba ngamanye amaxesha zikhona izinto ezifuna abantu abangootata nezifuna ukukhokhelwa ngabo, bazakuzazi njani bona. Singabazali masingavumi ukuhamba nomsinga waseNtshona. Masiqaphele ukuba yonke into esiyenzayo namhlanje iziphumo zayo zingomso.

You need to be Logged In to leave a comment.

Gift this article