Ezinye zeebhuma ezakhiwe kwihlathi elingakwisitishi sikaloliwe iJoe Gqabi eLower Crossroads.UMFANEKISO: UNATHI OBOSE


Imibutho ejongene nolwaluko kweli le Ntshona Koloni ithi iqule yaligangatha ukulungiselela amakhwenkwe aya entabani nanje ngoko sele urhulumente elivulile ithuba lokwalusa kweziholide zehlobo.

Ngokwengxelo, amakhwenkwe okuqala angene kwimpelaveki ephelileyo, ukususela ngomhla wokuqala kweyeNkanga. Eli xesha kulindeleke ukuba lifikelele esiphelweni kweyoMqungu kulonyaka ozayo.

Usihlalo wombutho wolwaluko i-Embo uMandla Mlambo ubongoze abazali ukuba bathobe amaxhala ngelithi yonke into ime ngobume.

“Kwiintsuku nje ezimbini kuvuliwe kungene amakhwenkwe angaphezulu kweshumi, kwaye silindele ukuba ngokuye kuhamba iintsuku aye esongezeleleka. Okwalomzuzu yonke into isahamba ngendlela akukabikho nto igwenxa,” uthethe watsho uMlambo.

Woleke ngelithi kulindeleke ukuba uninzi lamakhwenkwe angene emva kokuba abafundi bequkumbele iimviwo zokuphela konyaka.

Ubongoze iintsapho ezinabantwana abazakuba besehlathini ukuba zithi gqolo zibatyelela.

“Siyacela abantu abangootata, ingakumbi aba bazakube benamakhwenkwe asehlathini, bathi gqolo ukuya khona. Ukuba ngaba akukho mntu ungutata kwelo khaya mabacele nokuba sisalamane okanye umntu ongutata abamthembileyo ekuhlaleni abancede ingakumbi ngezintsuku zokuqala inkwenkwe ingenile,” ucacise watsho uMlambo.

Uqhube wathi balindele amakhwenkwe angaphaya kwamakhulu amathathu.

Ukanti ongumseki kaSomagwaza uSikelela Zokufa naye ungqinile ukuba sele beqalile ukwalusa amakhwenkwe, watsho esithi yonke into isahamba ngendlela.

“Angaphaya kweshumi amkhwenkwe asele engenile ukusuka ngoMgqibelo umhla wokuqala ukuya ngeCawe kule sikuyo inyanga,” utshilo uZokufa.

Uye wanqonqozisa abantu abangootata ukuba bathi gqolo ukutyelela abakhwetha ehlathini ngenjongo yokubaluleka nokubanika ithemba. “Siye sikhuthaze neentsapho zalamakhwenkwe ukuba zincedisane namakhankatha zingawafihleli nto. Kwaye ukuba akhona amakhwenkwe atya amayeza okanye iipilisi baze nazo,” ubongoze ngelitshoyo uZokufa. Uqhubeke wathi balindele umyinge wamakhwenkwe ongamakhulu amane.

You need to be Logged In to leave a comment.

Gift this article