Njengendoda ebabalwe ngesithandathu sabantwana, ndizive ndiphethwe luvalo kwiveki ephelileyo emva kokuva ngombandela wokunyanzeliswa kwemali yesondlo kubazali abangabaxhasiyo abantwana babo – ootata abafe bethwele iminqwazi.

Kwabo ibaphosileyo le nyewe, isivumelwano phakathi kweSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqoSiseko kunye neziko lezobulungisa i-Social Justice Foundation ngabula marhanuga, bonke abazali abangayihlawuliyo imali yesondlo yabantwana babo amagama abo azakuthi anikezelwe kwi ziko elijamelene nabathengi abangawahlawuliyo amatyala abo.

Lonto izakwenza kubenzima ukuba bathenge nantoni ngetyala. Ngamafutshane ukuba umntu unabantwana ekumele ukuba uyabondla ngokugunyaziswa yinkundla abe yena engenzi njalo, igama lakhe lakuthi lidluliselwe kweli ziko.

Inyaniso emsulwa kukuba maninzi amadoda enza ashiye. Inkoliso yala madoda ayaphangela, aphila ubomi obuphucukileyo, ahamba ngeemoto zika nokutsho, anxiba impahla ezinamagama`babe bona bedinga le yokuya esikolweni.

Into yesondlo okanye isibonelelo sabantwana ayonto kumele ukuba umntu uyayinyanzeliswa, luxanduva lobuzali. Xa ugqiba ukuba ufuna umntwana lonto ithi ukulungele ukujongana noxanduva lokubakhulisa. Yiyo lento kubalulekile ukuba umntu azale okanye afumane umntwana xa sele enomfazi okanye endile. Ngoba siphila emhlabeni, iimpazamo ziyenzeka, kodwa ke xa sele kunjalo umntu kufuneka athathe uxanduva. Baninzi abantwana abakhuliswa ngoomama. Ndiliqhwabela izandla eli nyathelo, ndithemba kananjalo ukuba liza kuba likhubalo.

You need to be Logged In to leave a comment.

Gift this article