Ucuntsu akafani noshici! Logama inyathelo likaMongeli Cyril Ramaphosa lifike sele umkhulu umonakalo ekurhanelwa ukuba wenziwe zizikroxo okanye iivenkile ezincinci zasekuhlaleni ezibizwa ngokuba ziziphaza, akufani nokuhlala phantsi kusongwe izandla isizwe sitshabalala.
Ngokwesibhengezo esenziwe ngumongameli ngoLwesihlanu umhla we 15 kweyeNkanga, zonke izikroxo zineentsuku ezingama 21 ukuba zibhaliswe ngokusemthethweni koomasipala bengingqi, kwaye kuza kufuneka ukuba abanikazi baqinisekise ukuba yonke into abayenzayo ihambelana nomthetho yezokhuseleko nothengiso lokutya.
Ngamafutshane intetho ka Mongameli ithi zonke izikroxo ezikweli loMzantsi Afrika kufuneka zibe zibhaliswe ngokusemthethweni ngoLwesihlanu umhla 6 kweyoMnga.
Eliphulo lijoliswe ekuthibazeni ukutshabalala kwabantwana nekukholelwa ukuba bagqitywa zizinto ezifumaneka kwezi zikroxo.
Izimvo zoluntu ziyabethana ngelinyathelo, kodwa mna ndiliqhwabela izandla.
Kuninzi okwenzeka kwezi zikroxo esingakwaziyo. Uninzi lwazo luphinda lube yindawo yokulala.
Okunye okuphinda kuxhalabise kukuba abantu abaqhuba la mashishini basuka kumazwe angaphandle, into ethi umntu angenza nantoni emva koko aphele emhloleni sishiyeke ingulowo enyola omnye esweni, nomnye evikela iliso lakhe.
Kwaye asinasiqinisekiso sokuba la magama basinika wona ngamagama abo okwenene. Nokuba uya kweyiphi ilokishi, nkqu nasezilalini kwabo bankaba yabo isezilalini, akukho sikroxo siqhutywa ngumntu walapha.
Iivenkile esasikhule zidumile ziqhuba kakuhle kushishino zatshona, kwaze kwathatha aba basemzini. Yingozi ke le ngoba intsebenzo nengeniso yabantu bokufika akukho nto intle isiphathela yona. Aba bantu abaphelelanga nje ekungahlawulini irhafu, imali yabo ihlangabezana nemingeni yamazwe abo. Thina into esiyifumanayo zezi zinto bazithengisayo.
Siyayazi ukuba bonke aba bantu basebenzisa iivenkile ezazikade zilawulwa ngabemi beli, kwaye ikhona into abathi bayifunjathiswe empelanyanga. Oku kuzakuthi kukhokelele ekubeni uninzi lwabantu abanamashishini emizini yabo benze ubuqhophololo ukuze angavalwa la mashishini. Urhulumente kuza kufuneka angapheleli nje ekubhaliseni la mashishini, koko aqhube ugqogqo lwala mashishini lonke ixesha.
Isiganeko saseMfuleni ngomnye wemizekelo wezinto ezitenxileyo ezenziwa ngabemi bamazwe angaphendle kwimida yeli. Umsebenzi karhulumente kukukhusela abemi belizwe. Asikwazi ukubukela abantwana abalikamva lelizwe betshabalala.



