Akawuvali umlomo amaxhegwazana aseLwandle emva kokuphiwa iingubo ngamalungu eCPF

Iingubo
Amanye amaxhegwazana aphethe iingubo zawo ezintsha naziphiwe ngamalungu esigqeba sezokhuseleko ekuhlaleni kwingingqi yaseLwandle. Lo msitho ububanjelwe kwiholo loluntu eAsanda Village. UMFANEKISO: ngowabucala.

Ngama 50 amaxhengwazana athe awelwa ngumqa esandleni eLwandle ngethuba isigqeba esijongene nokhuseleko loluntu, iCPF ngolwasemzini, kula ngingqi sinikezala ngeengubo ngoMgqibelo umhla wama 30 kweyeThupha, kumsitho obubanjelwe kwicawe iWorshipers in Christ Ministries.

Ephawula ngalo msitho, oligosa lezonxibelelwano lwesigqeba kwezokhuseleko ekuhlaleni, uJerry Bobi uchaze le ndibano nanje ngendlela yokubonisa uthando kubantu abadala, ingakumbi abangomama.

Uthe ezinkonde zichongwe kwiingingqi ezahlukeneyo kuquka iNomzamo, Asanda Village kunye neLwandle.

“Besifuna nje ukubothusa nokubabulela ngegalelo abalenzileyo ekuhlaleni nasezimpilweni zethu jikelele. Uninzi lwabo luze nje lungalindelanga nto ngoba kudala kusenziwa imisitho apha ekuhlaleni emalungana noomama kule nyanga yabo,” uthethe watsho Bobi.

Uqhube wathi abantu abangoomama banje ngezikhukukazi ngenkathalo. Uthe alikho ilizwe ngaphandle kwabo.

“Abantu abangoomama ngabona abanendima enkulu abayidlalayo kunathi thina singamadoda. Aboneli nje ukusithwala inyanga ezilithoba esiswini, baye baphinde basikhulise. Ngabo abaqinisekisa ukuba umntana unxibile okanye utyile. Nangexesha lengcinezelo abantu abangoomama badlala indima enkulu ukulwa nocalucalulo ngokwebala. Babehamba phambili ekulweni ukupheliswa kwamapasi,” uthethe watsho Bobi.

Omnye woomama abathe baxhamla uNomazizi Zazini (onama 73 eminyaka) uvakalise uchulumanco ngento eyenziwe yi CPF kula ngingqi watsho esithi makwande apho bathatha khona.

Uchaze lo msitho nanje ngento angasoze ayilibale ebomini bakhe.

“Sibulela kwa ukucingwa oku singamaxhegwazana xa kukho into. Ithi lonto noko sisabalulekile asilityelwanga. Ndibulela nalengubo ndiyifumeneyo. Singabanye besingazifumani ezi zinto ngaphambili besisiva nje ukuba bezikhona. Noko ngoku akufani nathi siyaxhamla,” uthethe watsho uZazini.

Uceba kaWadi 86 uXolani Diniso ubulele isigqeba sokhuseleko saseLwandle ngendima esiyidlalayo ekuhlaleni ukuqinisekisa ukuba abantu bakhuselekile ngalo lonke ixesha.

Uchaze umsebenzi wabo nanje ngongalulanga, kwaye uqulethe ingozi.

“Ndibulela amalungu esigqeba sezokhuseleko apha eLwandle ngokunikela ngobomi bawo beqinisekisa ukuba wonke umntu wale ngingqi ukhuselekile. Babeka imiphefumlo yabo esichengeni kuba befuna abantu balapha bakhuseleke ngalo lonke ixesha,” uthethe watsho Diniso.

Uqhube wathi abantu abadala basoloko besentliziyweni yakhe ngalo lonke ixesha, watsho ebongoza bonke abantu abadala ukuba bangakuvumeli ukuxhatshazwa ngabantwana babo.

“Siyayazi ukuba inkoliso yabantu abadala abonwabanga ngenxa yenzala yabo. Abanye babantwana babo baboxokuthela imali zabo zendodla, abanye babashiya nabantwana bona baye ebumnandini. Sithi kwabo bachaphazelekayo i-ofisi kaceba ivuliwe bandixelele mna ndizakubadibanisa noonontlalontle. Okanye bayomangala emapoliseni,” uvalelise ngelitshoyo uDiniso.

You need to be Logged In to leave a comment.

Gift this article