40plots
U-Thembakazi Ngonyama kunye no ceba uXolani Diniso ngexesha bebelayita umbane ehokini yakhe okokuqala ezimbalini

Abusayi buphinde bufane ubomi kubahlali bamatyotyombe i-40 Plots, eLwandle, emva kokuba IsiXeko saseKapa sibafakele umbane ngoLwesithathu umhla wama 20 kweyeThupha.

Ngamatyotyombe angama 58 athe axhamla kweli phulo.

Le ngingqi, neneminyaka engaphaya kwe 15 leminyaka ikhona, iyaqala ukuba nombane.

Umhlali uJongisizwe Lombi, nobengawuvali umlomo yimincili, uthe akakholelwa ukuba unebhokisi yombane ethi yena. Uqhube wathi ixesha elininzi ebephila ngokutsala ebantwini. “Ndichulumance kakhulu, ndiyambulela uceba ngemisebenzi yakhe. Bendingatsho ukuba siyakuze sibenawo umbane ongowethu kule ngingqi. Singabanye besibhatala ama R200 onke ngenyanga siphila ngokutsala ebantwini,” utshilo uLombi.

Uqhube wathi uzakutsho azithengele izixhobo ezisebenza ngombane. “Ingxaki ndihlala ndodwa, andinamabona kude, andinasikhenkcezisi. Ndiphelele ekumameleni unomathotholo,”ucacise watsho.

Woleke ngelithi uyathemba ukuba izinga lemililo yamatyotyombe lizakuhla.

Uceba kawadi 86 uXolani Diniso uthe injongo yakhe kukuzisa iinkonzo ezingundoqo ebantwini. Utyatyadule wathi eyona nto abayifunayo ukuba abantu bakwazi ukuzimela bangaxhomekeki.

“Uninzi lwabantu apha belutsala umbane ebantwini. Ngoku bazakuyeka ukuxhomekeka, bazakukwazi ukuzithengela izikhenkcezisi zabo kunye nezitovu zombane bekhululekile. Zizinto ezo abanye babo ebebengenazo ngoba kaloku umntu uthi esaphekile ucime umbane athi umastandi umbane uphelile kodwa abe ebegqibokuwuthenga,” ucacise watsho uDiniso.

Uhambise wathi eyonanto aphezu kwayo kukuqinisekisa ukuba wonke umntu kulewadi uphila ubomi obungcono.

Ucacise wathi zingama 28 iihoki ezingekafakelwa umbane nezizakufakelwa koluhlahlo lwabiwo mali oluzayo, phulo elo lizakuquka amatyotyombe aseLwandle Hostel angama 762.

You need to be Logged In to leave a comment.

Gift this article