U-Siphokazi Dlisani wakhetha uyeka umsebenzi ukuze ancede abantu abasweleyo

KITCHEN
Iqela labantu lilinde lihleli egariji lilinde ngomonde ngelixa uSiphokazi Dlisani aphakayo. UMFANEKISO : UNATHI OBOSE

Intlungu yomntwana osweleyo isathe gqolo ukulandela umama waseMfuleni uSiphokazi Dlisani noqhuba ikhitshi elondla abantu kunye nabantwana abangathathi ntweni.

U-Dlisani, nongumseki we Isipho Sabantu Community Kitchen, nengumbutho ozimeleyo, uxelele iCity Vision ukuba waqala ukupheka ngonyaka wama-2022 emva kokuba wachukunyiswa yintlungu yomntwana awambona ephethe isiqhuma seplastiki yeetoti esiya kuzithengisa ukuze enze ubugcwabalalana beesenti, khon’ukuze afumane okusiwa phantsi kwempumlo.

Ngexesha iCity Vision imndwendwele kwikhaya lakhe e- Extension 6 eMfuleni, ngoMvulo umhla we-18 kwinyanga yeThupha, igquba labantu babengungelene kwelikhaya belinde ngomonde ukuba kuphakwe.

Ebalisa ngendlela awaqala ngayo lo msebenzi, u-Dlisani uvakalise ukuba yamkhathaza kakhulu into yalomntwana wagqiba ekubeni enze into.

“Kwakusekuseni ndikhaphe umzukulwana wam ndimsa esikolweni kwalapha. Ndabona lomntwana (namqikelela kwiminyaka esixhenxe) ephethe iplasitiki esiya kwindawo ethengisa ubugoxo. Nalapho wathi esakubona ukuba kuvaliwe wayilahla wahlala phantsi walila. Ndaya kuye ndambuza ukuba ulilelani wathi ebezokuthengisa iitoti qha kuvaliwe. Xa ndimbuza ukuba ebezofumana malini wathi amashumi amathathu erandi,” ubalise watsho uDlisani. Woleke ngelithi wamnika iponti ezimbini ezineshumi watsho waphakama wabaleka wagoduka.

Uqhube wathi yamtya intlungu yalo mntwana de wafika endlini yakhe waze wabalisela abantwana bakhe. Kulapho wathi wathabatha isigqibo sokuba uzakupheka. Utyatyadule wathi eyona nto yamtya ngamandla kukuba akazange ambuze ukuba uhlala phi umntwana, kwaye akazange aphinde ambone ukususela ngoko.

“Ndaqhubeka kodwa ndapheka ndaxelela aba bantwana bancinci abahlala apha estratweni ukuba baze bazokutya. Uqala kwam ukupheka kwakungoLwesine umhla wama 25 kwinyanga yeThupha ngonyaka wama 2022. Elo xesha ndandiphangela ekhitshini eKillarney intsuku ezimbini uMvulo noLwesihlanu ndirhola ama R300 ngosuku. Ndathatha yona ndathenga izinto zokupheka ndapheka ndabanika batya,” ubalise watsho uDlisani. Ulebele ngelithi wabaxelela ukuba ze baphinde babuye kwiveki elandelayo.

Uthe wathi esemsebenzini ngoLwesihlanu wafumana umnxeba komnye wabantwana bakhe emxelela ukuba kukho abantwana abancinci abame ngaphandle kwesango bathi bazokutya.

U-Dlisani uthe ngoko nangoko waye wathetha nomlungu wakhe ukuba ucela ambhatale nemali yeveki ezayo kuba efuna ukuthenga izinto zokupheka.”Nyani umlungu wam akazange andisokolise wandinika ndayokuthenga izinto zokupheka ndabuya emsebenzini ndixhakazela. Ndaxelela intombi yam ukuba ichazele abobantwana ukuba mabandilinde ndiyeza. Ndabuya ndiphethe izonka nomongi nezinye izinto zokutya ndafika ndabanika,” utshilo.

Uqhubeke wathi kwanyanzeleka ukuba ahlale phantsi nabantwana bakhe athethe nabo abacacisele ngemeko yaba bantwana noluvo lwakho.

Uthe eneneni abazange baqhankqalaze bamseka ukusukela ngoko. “Ngethamsanqa abantwana bam bobabini babesaqala ukuphangela. Bavumelana ukuba omnye uzakuthenga ukutya kwasendlini omnye abhatale amatyala emibutho. Eyam yonke imali ndandithenga ngayo ukutya ndiphekele abantwana,” ucacise watsho.

Uthe ngokuye kuhamba kwama xesha inani labantwana laye likhula kwade kwangenelela nabazali babo. Uthe isimanga sesokuba susela oko waqalayo ukupheka akazange ayeke okanye aphumle okwexeshana ngenxa yokuba kusithiwa akukho zinto zokupheka. Uthe amaxesha amaninzi uphila ngesisa.

“Ndithetha nawe nje ndipheka ngoMvulo, Lwesibini, Lwesithathu, Lwesine noMgqibelo. NgoMvulo nangoLwesibini ndiphaka nge 10:30 kusasa ze ngoLwesithathu no Lwesine ndiphake nge 15:00 ukanti ngoMgqibelo siphaka ko 10:00. Yonke lento yimisebenzi kaThixo ngoba sixhaswa ngabantu ngabantu. Samkela lonto siyiphiwayo noba ingakanani na siyayamkela,” uthethe watsho wathi sele wayeka nokuphangela uhlelele ukuphekela abantu.

Uthe inani labantu abazophaka ngoMvula no Lwesibini uquka nabantwana alibikho ngaphantsi kwama 90, kodwa ngoLwesithathu nangolweSine liba ngaphaya kwama 200 ngoba kaloku kubakho nabantwana besikolo kuyagcwala.

Ebalula izinto ezingungqa phambili xa usebenza ngabantu, uDlisani uthe kufuneka uthando, isineke nokuxabisa into oyenzayo. Uthi qho ngeemini zokupheka uvuka ngentsimbi yesine ekuseni abeke imbiza. Uyigxininisile ukuba akakho umntu ubamba mbiza ngaphandle kwakhe.

“Bakhona abantu abaye baze bazondincedisa ngeloxesha xa benethuba kodwa ezimbizeni abasondeli. Ndim ophekayo ukanti ikwandim ophakayo. Bona bandincedisa nje ngokuhambisa izitya babanike okanye ukuzihlamba. Ingxaki ndifuna ukuqinisekisa ukuba yonke into ihamba ngendlela,” ucacise watsho.

U-Dlisani uye wakhuthaza nabanye oomama ukuba baphakame bazimele bangalindeli ukwenzelwa.

Umseki wombutho i-Isipho Sabantu Community Kitchen uphakela abantu kunye nabantwana abazokutya kwakhe. UMFANEKISO:UNATHI OBOSE.

You need to be Logged In to leave a comment.

Gift this article