Kuyabonakala ukuba ngokuye amaqela ezopolitiko esanda neyantlukwano iye isanda ngenxa yokuba enza okanye athetha nantoni na ukuze afumane iivoti.
Ndikutsho oku emva kokubona ivido yamalungu ombutho woMkhonto Wesizwe, nethe ndii kumakhasi ezonxibelelwano, nebekubonakala ukuba ebegaya inkxaso kwenye yeedolophu zaseMpuma Koloni kwezintsuku zidlulileyo.
Inkokheli ebithetha ngexesha lalenkqubo ivakele isithi ebantwini, abantu abasuka kwindawo eyayisakwaziwa njenge Transkei ngexesha lengcinezelo kufuneka begxothiwe kumasebe karhulumente akulangingqi.
Uye waqhubeka ebabiza ngokuba ngabantu bangaphandle. Ngalo lonke eloxesha amanye amalungu alombutho amqhwabela izandla ekubonakala ukuba ayayixhasa lento ayithethayo.
Lonto indishiye nemibizo emininzi ukuba, kukuthini okanye yintoni umsebenzi wokubayinkokheli?
Ingaba injongo zale nkokheli yintoni ekuhlaleni?
Kuyo yonke lento ebeyithetha, ingaba ulindele iziphumo eziluhlobo olunjani?
Liyinene elithi asisenazo iinkokheli ngoku sikhokhelwe ngohlohlesakhe.
La ntetho yenziwe yilankokheli izalisekisa into ethethwa luluntu phandl’ apha ethi iMKP ngumbutho nje owakhelwe ukucalula ngokwezizwe.
Nathi singabantu okanye singabahlali kubalulekile ukuba siyijonge imibutho esizibandakanya nayo.
Ndiyayiqonda uninzi lwethu alunaxesha lokufunda imigaqo nqubo yemibutho ukuze siwazi ukuba umbutho othile usekelwe phezu kwantoni.
Amaxesha amaninzi siye silandele iziqu. Ibuhlungu ke into yokuba emva kweminyaka engaphaya kwama30 onke sikwinkululeko. Kube kusekho abantu abacalula abantu ngemvelaphi yabo.
Ngoku akubalulekanga ukuba ubani usuka phi, into efunekayo kukuba simanyane sakhe isizwe esitsha esinekamva eliqaqambileyo ukulungiselela abantwana bethu.
Eneneni kona xa ujonga uyabona ukuba inkokheli ezininzi zopolitiko azisasebenzeli bantu okanye sizwe koko zijonge ipokotho zazo. Ukuba abantu baphila kanjani okanye balala betye ntoni abanaxesha lalonto.
Lonto ifana nqwa nale ntiyo iphenjelelwa leli lungu le MKP nelifuna ukuqhekeza iMpuma Koloni ngenjongo ezaziwa lilo.




