Thulani Magazi
Thulani Magazi

Ngokweenkcukacha manani ezidizwe ngumphathiswa wesebe lezemfundo esisiseko uNosiviwe Gwarube ngama 28 iziganeko zokufa ezithe zabikwa kumaziko ezemfundo kunyaka mali ka 2023 no 2024.

Inxalenye yezi ziganeko zenzeke kwiphondo iKwaZulu Natal, kwaye umyinge wama 46 ekhulwini wazo ubandakanya abafundi kuphela.

Oku ukubhentsise ngethuba isebe lakhe libambisene nesebe lamapolisa lichazela amalungu endlu yowiso-mthetho ngamanyathelo athatyathwayo ukulwa nobundlobongela ezikolweni nakumaziko ezemfundo kweli lomdibaso.

Ngaphandle kokungena banzi kulengxelo, manditsho ngokungafihlisiyo ukuba ayothusa la manani, kwaye acacisa ngokuselubala ukuba ukhona undonakele kwilizwe lethu.

Izikolo yimithombo yolwazi, kwaye umzali ngamnye othumela umntwana wakhe esikolweni wenzela ukuba axhotyiswe ngolwazi ukuze abe nekamva eliqhakazileyo. Akukho mzali ulindele ukuba umntwana wakhe abuye esikolweni sele etye tyum.

Zikhona iziganeko ezenzeka ngengozi, zibekho ezenzeka ngokuba kukho abantu abangawenzanga umsebenzi wabo. Ukutshaba kwabafundi ezikolweni okanye kumaziko ezemfundo ayonto efanele ukuba iyenzeka.

Izikolo yindawo yokufunda, kwaye akufanelekanga ukuba kungene nesinjani isikhali. Masithembe ukuba intsebenziswano phakathi kwala masebe mabini nechazwe ngokuba yi Safe Schools Protocol (SSP) izakuzala amaduna namathokazi.

Noxa kunjalo yonke le migudu izakuba lilize ukuba ngaba abazali abayidlali indima yabo. Ingqeqesho ayiqali sikolweni. Izikolo okwazo kukuqinisekisa ukuba abafundi banekamva eliqhakazileyo.

Abazali mabaqeqeshe abantwana babo, ootitshala babanike izixhobo zekamva elihle.

Ukuba abazali ababaqeqeshi abantwana babo ingxaki ejongene namaziko ezemfundo asoze inyamalale, endaweni yoko sizakuthi gqolo siphulukana nemiphefumlo kwimida yala maziko. Maxa wambi unyana ukhe afike ekhalaza ngendlela abanye boogxa bakhe abaziphethe ngayo esikolweni, nendlela abathetha ngayo nabafundisintsapho.

Elam linye kuye, wena uyele uyokufunda esikolweni, andifuni kubizwa esikolweni ngelithi wenze into egwenxa, kwaye ukuba kukho umntu ongaziphethanga kakuhle ziqelelanise naye. Lento ndiyithetha kubo bonke abantwana bam.

Ukuza kuthi ga ngoku azange nakanye ndabizelwa esikolweni ngomntwana ongaziphethanga ngendlela. Ndiyibeka icace kubo bonke ukuba asoze ndithalalise mhla ndabizwa kusithiwa umntu wonile.

Iyandibhida into yokuba yenzeka njani ukuba umzali abizwe esikolweni ngesimo somntwana wakhe angayi kusabela. Le yingxaki ezinye zezikolo ezijongene nayo, kwaye ukuba le meko isathe gqolo isenzeka kuse kude engqinibeni.

Asoze kubekho sisombululo kule meko nokuba kungathathwa awaphi amanyathelo ngabasemagunyeni. Ingxaki yezikolo iqala emakhaya nasekuhlaleni.

You need to be Logged In to leave a comment.

Gift this article