Unathi Obose
Unathi Obose

Imbi into eyenzeke eMthatha kweziveki zimbalwa zidlulileyo. Yintlekele engasoze ilibaleke, nalapho kubhubhe abantu abangaphaya kwama 90, kuquka nabantwana, kwaye kulindeleke ukuba lamanani onyuke ngoba zisekhona iintsapho ezisakhangela abantu bazo.

Ngokweengxelo kumakhasi ezonxibelelwano, kukrokreleka ukuba la manzi asuka edamini laseMthatha elikude kufuphi nezalali zichaphazelekileyo. Kusolwa ukuba lamanzi avulelwe kwicala ebekungafanelekenga ukuba aphuma kulo.

Ukuba ezingxelo zidizwa ngoonondaba ziyinyani, ithi lonto lo mntu uchaphazelekayo makajongane nengalo yomthetho ngoba ungumbulali.

Ithetha ukuthi lonto unobangela wale ntlekele kukungakhathali.

Akwaba zonke iintsapho ezithe zaphulukana nabantu bazo zingabafumana zibangcwabe ngokufanelekileyo.

Inye ngoku into esinexhala layo ngamagosa karhulumente angohlohlesakhe. Ngoba ngokuqinisekileyo sele egacile ngoku ejonge ukuba yimalini ezakukhutshwa ngurhulumente ukuze kuncedwe amaxhoba.

Siyayazi ke amagosa karhulumente ephondweni akadlali ngethuba. Njengokuba iyintlekele le bona babona ithuba. Nangoku ungafika bephithizela bengalali ngokungathi balungiselela amaxhoba kanti bahlohla kwezabo iipokotho.

Nam andiqinisekanga ukuba yeyiphi eyona ndlela ekunokwenziwa ngayo ukuqinisekisa ukuba nayiphi na inkxaso esuka kurhulumente nakwimibutho ezimeleyo ifika kumaxhoba isaphelele.

Iyakhathaza into yokubona abantu, nesibahloniphileyo esibabiza nje ngeenkokheli iphinde ibengabo aba barhwaphilizayo.

Eneneni ezinkokheli azinakuxakwa kukuba imali yentlekelo zingazange zaxakwa kukuthatha imali yamalungiselelo omngcwabo owayesakuba ngumongameli weli uRholihlaha Nelson Mandela ngonyaka ka 2013.

Iintloni yinto enqabileyo kuninzi lweenkokheli zasephondweni. Ungafunga uthi sonyula iimpuku zemali endaweni yeenkokheli.

Akwaba iinkokheli zethu zingakhe zibenentloni zenze lento ifanelekileyo nekulindeleke ukuba ziyenze.

Inga izazela zabo zingachukumiseka, athi umntu xa ecinga ukwenza okungcolileyo akhe abenombono wezintsapho zisale zingenabani ngenxa yalentlekele.

You need to be Logged In to leave a comment.

Gift this article