Aphelile amakhaya ngenxa yokungavani kwabantu bezalwa ngumntu omnye

Unathi Obose
Unathi Obose

Kodwa siyindlu emnyama kuyafuneka khe siphefumlelane ngomba weyantlukwano phakathi kweentsapho zendlu enye. Ngumkhwa othande ukuxhaphaka lo kumakhaya onke, nalapho kuye kubekho umsantsa phakathi kosapho.

Kweminye imizi uye ufumanise ukuba akuthethiswana konke-konke okanye omnye uthetha nothile omnye uthetha nowakhe.

Imbi lento ngoba iye ihambe iphumele nasebantwaneni. Abantu abaninzi baphela sele bewafulathela amakhaya wabo.

Ngamanye amaxesha kuye kufumaniseke ukuba abazali ngabona nobangela walo mbhodamo ngenxa yomkhethe.

Umbuzo ngowokuba ngumzali onjani lo ubakhethayo abantwana bakhe?

Ndikholelwa ukuba xa ungumzali kufanele ukuba ubathande bonke ngokulinganayo abantwana bakho nokuba uyabona ukuba bakhona abo baneziphene phakathi kwabo.

Uye uzame indlela zokubanqwanqwada endaweni yokukhetha iphela emasini.

Abanye abantwana bakhala ngoomama babo ababathelekisayo, nalapho baye bathethe kakubi ngomnye komnye. Abanye bakhala ngokuba ababonelwa ntweni ngabantakwabo kuba bengenamali kuhoywa abaphangelayo.

Liyinene elithi izityemba mva zinqolintaba. Ngoba amaxesha amaninzi uyakuqaphela ukuba aba bantu ababonwa ukuba bazingxaki ngabantu abakhe baphangela ngaphambili bancedisa ekufundiseni abantakwabo ngenjongo yokubaphuhlisa ukuze bakwazi ukuba bancedise ekwakheni ikhaya labo.

Kuthi ngokuhamba kwamaxesha uphele umsebenzi bashiyeke aba babefundiswa bephangela. Bathi apha ekuphangeleni kwabo bangamboneli ntweni umntakwabo, phofu abe enesandla ekufundeni kwabo.

Iqale apho ke imbambano kubekho ukruthakruthwano kuvele neentanda phakathi kwekhaya. Ngamanye amaxesha ezi zinto zenzeka abazali bekhona bebukele kodwa bengenamandla wokungenelela.

Lonto iphembelela ekubeni aba bazibona bengamakheswa baphele sele beziphosa kudlomdlayo ngenjongo yokucima iingcinga.

Ngamanye amaxesha olu kruthakruthwano alupheleli nje apha kubo lude luchaphazele nomzi. Uwe umzi uphele babe abantu bekhona ngaphakathi bathembiselana ngowulungisa.

Ekugqibeleni siye isidima sabazali sichaphazeleke sirhuqe eludakeni baphele nabo sele beyintlekisa. Ibalulekile intsebenziswano kunye nemvisiswano phakathi kwekhaya enoba iingxaki zikhona.

Noba niyaxabana phakathi kwekhaya, ingxabano zenu mazingade zibe ngundaba mlonyeni ezizweni.

You need to be Logged In to leave a comment.

Gift this article